
















IPHOSTA.
YOKHUPHISWANO
LWEMPILO
NOKHUSELEKO
EKHAYA
lNational Occupational
Safety Association (NOSA)
Iqalise uMhla woMpilo Nokhuseleko Lwasekhaya Kweli ngoMeyi 8.
Lo mhla nje uwodwa kwanokufundiweyo okuye kwalandela uye wajolisa ekubangeleni uluntu lubone apho ibaluleke khona impilo nokhuseleko, ndawo leyo ilikhaya. Uye wajolisa kokubini kwabaselula nabadala ngenjongo fokudala inkqubo apho kunokuqondwa khona indlela impilo nokhuseleko olunokuba kwindawo yesibini kuzo zonke iinkalo zobomi.
Njengenxalenye yale nkqubo iPhosta yokhuphiswano Lwempilo Nokhuseleko Ekhaya yabantwana ijoliswe ukukhuthaza abantwana besikolo bakhuphe ezo ziphiwo zifihliweyo ukuze babone imiba echanaba impilo nokhuseleko ekhaya.
Bekucacile kukhuphiswano ukuba azinqongophelanga iziphiwo, ukanti okukhuthazayo kukuba kuyacaca ukuba iyabonwa imiba yempilo nokhuseleko, utshilo obengumgwebi uRosemary Clark.
Bekunzima ukukhetha
abaphumeleleyo kuba kwezi phosta, ukucingisisa nemizamo iye yabonakala. Ubuxhonyiwe umgangatho ibe kuye kwachwayitisa ukubona inyambalala yamangenelo kwanomgangatho wokuphaphela impilo nokhuseleko," Iityibele latsho eli nenekazi.
Okubonwa apha ngamangenelo amabini, omabini aphume kwindawo yesibini.



Umzobi: UBlesset Nkambule waseWitbank

Umzobi:UJacob MajoIa
waseBirchleigh.
	






lCommitte on Preventative Dentistry (CPD) yoMbutho Wonyango Lwamazinyo eMzantsi Afrika phakathi kweminye yemisebenzi yayo yokufundisa ikwajongene nokuququzelela iVeki Yokukhathalela Amazinyo (ebingoAgasti), kulo nyaka u-1996 ikhethe umxholo othi WHY WAIT ... LETS FLUORIDATE!
Ngokuvumelana nenkqubo yononophelo lwempilo lokuqala loRhulumente woManyano, ikomiti yeNational Department of Health on Flouridation iza kuphembelela ipalamente ukuba ukusetyenziswa kwamanzi aneflouride kwamkelwe xa lombandela uza kube ugwadlwa epalamente. lDental Association of South Africa iye okweminyaka emininzi yalixhasa eli nyathelo njengendlela yokuthothisa ukubola kwamazinyo.
Ebutsheni bukaMatshi phantse ama20 000 ezikolo kulo lonke elaseMzantsi Afrika aye acefwa ukuba abe nenxaxheba ekuzobeni kwabantwana imibhalo emikhulu kubalaseliswa 10 mxholo uchaziweyo. Izikolo ezibe nenxaxheba ziceliwe ukuba amangenelo azo ziwathumele kubameli benqila ezili-11 beDental Association. lsigqibo kwiinqila siqhutywe ebutsheni bukajulayi zaza

 izikolo zanikwa amabhaso azo. lzigqibo ngeephosta ezifikelele kumanqam ziya kwenziwa eJohannesburg ebutsheni buka-Agasti waza ophumeleleyo wachazwa ekuvulweni kweNational Dental Health Week.
Abantwana abaye koogqirha bamazinyo ebudeni bale veki bafumane okunanyatheliswayo okunemibala ukuze bongeze kwingqokelela yabo yokunanyatheliswayo.



IVEKI
YOKUTHINTELA
UKWENZAKALA
KWABANTWANA 

lnjongo yeNational Child lnjury Week ebikutshanje ibikukunceda uluntu kweli Iuqonde ingxaki yokwenzakala xa usengumntwana, kufundiswe abantu ngabanye ngeendlela zokuthinteta oku. Obekubalaseliswa yimbaluleka yokubagcina abantwana bekhuselekile. Nyaka ngamnye ngaphezu
kwama-3 000 abantwana ayafa ngenxa yokwenzakala (ngemini bangaphezu kwe-9) abanye bagogeke umlibe. lChild Accident Prevention Foundation of South Africa (CAPFSA) ibongoza wonk umntu ukuba aphucule ukhuseleko lomntwana rhoqo, ancedise ekudaleni iimekobume ezikhuselekileyo zabantwana bethu. Fowunela kule nombolo (021) 6855208 malunga neenkcukacha ezibhekele phaya

















UYvonne kwistudiyo sakhe sokushicilela. Ngaba ukucula kwakhe noBrenda kuza kuwubuylsa umlingo owababeka ezinkwenkwezini kwiminyaka yoo-80?


UBrenda noChicco bebonisa ngeembasa zabo zegolide neplatinum. Bakhe baphumelela emva kokushicllela ingoma abayicula kunye. Ngaba kuza kuba njalo
	nakuBrenda no Yvonne?	y
Ngaba Baza
Kucula Kunye
UYvonne
NoBrenda?
Amarhe okuba iimvumi eziphambili uYvonne Chaka Chaka noBrenda Fassie, baziintshaba ezinkulu ngamampunge. UYvonne noBrenda kulindeleke ukuba bashicilele ingoma abayicula kunye ukuze bavuselele umoya womculo weminyaka yoo-80.


kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO




Ndifike enemincili u-Princess Of Africa nanjengoko ebesandul ukufika evela kwitheko Iomculo ebelibanjelwe eKinshasa eZaire, nalapho aye wawongwa ngembasa yegolide ngenxa yegalelo lakhe emculweni waseAfrika.
Kuyonwabisa ukuufumanisa ukuba uYvonne Chaka Chaka usankqenkqeza phambili emculweni eAfrika nanjengoko ebeyichongelwe le mbasa nezinye iimbalasane emculweni waseAfrika.
Ubekhuphisana noManu Dibango, uOliver N'Goma, uCheb Mamy, uSalif
Keita, uMonique Seka, uKadja Nin, uYoussou N'Dour, uLokua Kanzy, uPapa Wemba, uKoffi Olomido, uReddy Amisi noMiriam Makeba waseMzantsi-Afrika.
Kundivuyisa kakhulu ukufumanisa ukuba ndiseyenye yeemvumi eziphambili emculweni waseMzantsi-Afrika nanjengoko besimele uMzantsi-Afrika noMakeba. Ukuchongelwa i-"Ngwomo Africa '96" kube liwonga elikhulu kum.
Ndonwabe kakhulu kukucula neemvumi ebezikhona. Ndicule ngesiFrentshi enye yeengoma zam ethi What Is It nekwicwecwe lam lokugqibela
Esona "sipho somhla
Wokuzalwa"
somfundi weBona kukubhengezwa kokuba kunokwenzeka "bacule kunye" uYvonne Chaka Chaka noBrenda Fassie.



















elithi Power ofAfrica, endilikhuphe kunyaka ophelileyo, utshilo.
Malunga nokuzimisela kwakhe
ukushicilela ingoma ne-Queen of
pop, uBrenda Fassie uthe:
Ndingathanda ukucula naye kwaye ndivuya kakhulu njengokuba uBrenda ebuyelene noPeter Snyman onentliziyo entle kuunene. Ndilungele ukushicilela icwecwe lam elitsha nendizimisele ukuba nengoma endiyicula noBrenda kulo.
Kum, ukushicilela okanye ukusebenzisana noBrenda akuyongxaki. Xa kukho into endinokumenzela yona uBrenda ndingayenza, nokuba kuyintoni na.
Nangona zininzi izinto
ezithethwayo ngokungavani kwethu,
simele sikubeke bucala oko ngoku.
EMerika iimvumi zishicilela
amacwecwe amnandi zicula kunye,
kuutheni ke thina singakwenzi oko?
Lifikile ixesha lokuba
sisebenzisane sinceclisane
nokuncedisana.
Mna ndineenjongo zokuba sivuselele umoya womculo weminyaka yoo-80 xa sasisakhonya ngomculo omnandi. Sinokukwenza oko nangoku, nokuba sicula njengeqela nabanye, utshilo uYvonne.
Malunga namarhe okuba bazezona ntshaba zinkulu, uYvonne uthe:
Andazi ukuba kwavela phi oko. Kunyanisiwe ukuba asingobahlobo bakhulu sinoBrenda. Uhamba indlela yakhe nam ndihamba eyam.
Ngabanye abantu ebebebasela Ioo marhe. Emva koko kuthe gqi awokuba uBrenda akevani noRebecca.
Mandikuxelele oku, ubudlelwane endinabo noBrenda abufihlwa,utshilo uYvonne.
I-"Queen of Township Pop", uBrenda Fassie, osandul ukubonakalisa iimpawu zothando noxolelwano kutshaba lwakhe olunguYvonne Chaka Chaka ebengakulungelanga ukwenza ilizwi ngalo mbandela. Phofu ke umntu osondeleyo kuBrenda nakwimaneja yakhe, uPeter Snyman, uxelele iBona ukuba kudala kulindelekile ukuba bashicilele kunye, kwaye uthe kunokwamkeleka ngezandla ezishushu oko ngabaphathi baka Brenda.








16 BONA XHOSA - October 1996

kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO
kufote uLUCKY NXUMALO


lxhwele ellnguReglnald Hlati nomguli wakhe, uSylvia Mathebula, nonina, uMthebeni.




USylvia usibonisa indawo olwasikwa kuyo
ulwimi lwakhe.
Ndaphantse
Ndasisithunzela
utsho umfundi onguSylvia Mthebula
one-16 leminyaka ubudala
owalukuhlwa ngamazwi
angabonakaliyo ukuba ahambe
kowabo ngePasika kulo nyaka.
Kodwa waphuncula emagqwirheni
aphantse amenza isithunzela emva
kweeyure ezingama-56...











 NGEPASIKA yalo nyaka, uSylvia Mathebula waseJilongwe Village kwiPhondo lasemNtla walukuhlwa ukuba ahambe kowabo ngamazwi angawaziyo awayembiza esithi: Sylvia, Sylvia...
Wabaleka waya kwihlathi elalivakala kulo elo lizwi kuba efuna ukubona umntu ombizayo, yaba kukumka kwakhe oko.
Wangamaliswa kukuba waqweqwediswa ngabantu abathathu, amabhinqa amabini nendoda, baya kumvalela kwigumbi elingaphantsi kwendlu. Wambona lo uyindoda ukuba ngummelwane wakowabo.
Apha uSylvia ubonisa iziva zokuchazwa ngereyiza emilenzeni ngamagqwirha ayemthimbile.



12 BONA XHOSA - October 1996

14 BONA XHOSA - OCTOBER 1996

	BONA XHOSA OCTOBER 1996 15

